iNombolo yomNxeba: 317-8291 iNombolo yomNxeba: 462-2310
iFeksi: 322-8699 iFeksi: 461-0852
Ulwazi loQhagamshelwano
Pretoria umLawuli oyiNtloko: uYilo lwaMandla iNombolo yomNxeba: 317-8617
iFeksi: 317-8511
umLawuli: uYilo noPhuhliso lwaMandla iNombolo yomNxeba: 317-8662
iFeksi: 322-5224
uSekela mLawuli: uYilo lwaMandla noQoqosho iNombolo yomNxeba: 317-8025
iFeksi: 322-5224
iGosa laMandla lomMandla: Limpopo iNombolo yomNxeba: 287-4700
iFeksi: 287-4729
iGosa laMandla lomMandla: Mpuma Koloni iNombolo yomNxeba: 585-3862
iFeksi: 585-3881
iFeksi: 212-2721
ISEBE LEZEZEMBIWA NAMANDLA
IZembiwa naMandla kuPhuhliso neMpumelelo
UKUNIKA AMANDLA ISIZWE
IPHULO LESEBE LEZEMBIWA NAMANDLA
IZembiwa naMandla kuPhuhliso neMpumelelo
AMAZIKO AMANDLA ADITYANISIWEYO
IMVELAPHI
AmaZiko Amandla aDityanisiweyo asuka ekuqondeni ukuba ulungiselelo lwamandla kuphela alonelanga ukuzinzisa uphuhliso. Amandla kufuneka adityaniswe nezinye iimfuno ezifana nokufikelela emanzini, ugutyulo, impilo, imfundo, uPhuhliso lwezoQoqosho lweNgingqi Local Economic Development LED. Njl.njl. kwaye oku kudityaniswa kukuqonda nje ukuba ezi nkonzo, okanye iimfuno zixhomekelelene ekuphuculeni ubomi bemihla ngemihla babantu.
Ukunqongophala kwezibonelelo zamandla kwimimandla yasemaphandleni yinto ekhathaza kakhulu, njengoko amandla eyinto efunakeya engundoqo kulo naluphi na uphuhliso oluzinzileyo. Ngeke siyijongele phantsi into yokuba utshintsho kuphuhliso lwasemaphandleni lwenziwa ukuba lube nzima kukungaqiniseki kulungiselelo lwamandla.
ISebe lezeZembiwa naMandla (Department of Minerals and Energy) (DME) liyasiqonda isimo sabahluphekileyo kunye nophazamiseko lwamandla olukhoyo elizweni, likhathazekile kuba uncedo olukhulu lweenkqubo zonikezo ngamandla azifiki kolo luntu kujoliswe kulo. Ukuyibeka ngenye indlela iinkqubo kunye nezicwangciso eziqhubele phambili ziphuhlisiwe, kodwa kubonakala ngathi kukho isithuba phakathi kwezi njongo zilungileyo kunye nokuphunyezwa okwenziwayo okuyimpumelelo.
Ngokubona okukwahlulwa kwamandla, iSebe lezeZembiwa naMandla lizibophelele ekubeni lifake isandla ngokujoliswe ekuphelisweni kobuhlwempu bamandla kwaye kwakhona lazibeka emva kwezicwangciso zikarhulumente wesizwe ezijoliswe ekuphelisweni kobuhlwempu basezidolophini kunye nesemaphandleni. Ezinye zeendlela ezininzi i-DME eyiphuhlisileyo ejoliswe ekulungiseni ubuhlwempu bamandla ngamaZiko aMandla aDityanisiweyo (Integrated Energy Centres) (leCs). Ngoko ke iNkqubo yamaZiko aMandla aDityanisiweyo (Integrated Energy Centres) (leCs) yaye yasekwa. Ngee-leCs, i-DME yaye yadibana nabathelelani ababalulekileyo, icandelo labucala, oomasipala kunye nee-arhente ezafaka isandla ekusekeni iziko eliqhutywa luluntu, elingafezekisi iimveliso zamandla kuphela, kodwa ezinika ulwazi kunye neenkonzo zokwakhana.
Iziko laMandla aDityanisiweyo Integrated Energy Centres leCs yivenkile enesitophu esinye samandla emnini waso kwaye esiqhutywa luluntu oLusebenzisanayo kwaye iququzelelwe njengeprojekithi yoluntu. Inika izisombululo zamandla kuluntu, ufikelelo kwiinkonzo zamandla ezikhuselekileyo ezizinzileyo.
IINJONGO
Ukudalwa kweMisebenzi
Ukupheliswa kobuHlwempu
Ukuzisa iimveliso zamandla kufutshane nabantu
Ukwakha uthabatho nxaxheba loluntu kunye nobumnini
Ukwehlisa ipesenti yokwahlulwa kwamandla kunye nokungaphuhli kwabantu basemaphandleni
Ukufundisa imizi ekusebenziseni amandla ngokwaneleyo nokuba bangawalondoloza njani amandla abo
Ukufundisa kunye nokwazisa ngokusetyenziswa kwamandla okuzinzileyo kwimo engqongileyo.
Ukuphembelela iindlela zokusetyenziswa kwamandla
Ukuvelisa kunye nokubonisa uluntu izisombululo zamandla ezinokwenziwa ntsha.
ICANDELO LORHWEBO
iPetroli;
Izixhobo ezicocekileyo, ezikhuselekileyo nezinamandla awoneleyo (okokupheka, izibane, iifriji, njl. njl);
Okokupheka okusebenza ngelanga;
Iphiko lokumpompa amanzi kunye nokugcwalisa ibhetri; kunye
ICANDELO LOLWAZI
Ukuphuhlisa iinkqubo zokuqondwa kokusebenza kunye nokukhuseleka kwamandla;
Ukusebenza njengeziko elenza izinto zonke kulungiselelo lwezinye iinkonzo zikarhulumente;
Ukubonisa ngamacebo engingqi yemigangatho yamandla;
Neevidiyo zemfundo kumandla.
